Our website is made possible by displaying online advertisements to our visitors.
Please consider supporting us by disabling your ad blocker.

Responsive image


AbaThembu

NjengamaMpondo abaThembu lolunye uhlanga eTranskei olunobukhosi balo. Njengoko sele sithethe kwavokotheka ngokubaluleka kwesiduko kwimidaka yakowethu, naseBathenjini ke kunjalo. Isiduko sabaThembu sithi 'Madiba'. Lukhulu ke usapho lwakwamaDiba. abantu abaninzi kwihlabathi lonke jikelele, bacinga okokuba xa kusithiwa 'Madiba' kubizwa igama likaRholihlahla. Hayi khona! ubizwa ngesiduko xa ebizwa ngokuba nguMadiba. Baninzi ke ooMadiba, nto nje baneefani ezahlukeneyo. Nantsi imizekelo; abanefani ethi 'Mathanzima', Dalindyebo, Mthikrakra, Joyi, Nelson Mandela, Walter Sisulu nezinye iifani, isiduko sabo bonke sithi 'Madiba'. AbaThembu bohluke kubini: Abathembu baseRhode, nabaThembu base... Makhe sinike imbali yabantu bakwamaDiba ngokwahlukana ngokweefani zabo.


Previous Page Next Page






Temboes AF قبيلة ثمبو ARZ Thembu German Thembu English Thembu French Suku Thembu ID Alaeze Thembu IG Thembu NB Thembu people SIMPLE Tembu Swedish

Responsive image

Responsive image